Back

Ikhonco                  August 2013
Next
Report from the GBFS conference

Inkomfa ye- G.B.F.S. eMqanduli Archdeaconry, St Matthews Parish, IUqale nge 28-30 ka June 2013

Ngomhla we 28 ku-June ngolwesihlanu zagaleleka izithuthi zithwele abantwana be-parishes zalombutho we G.B.F.S. zeDiocese of Mthatha. (abafana neentombi). Behamba nabakhokeli babo nabazali.

Xa lithi ndithenge ngentsimbi yesithandathu yaqala inkonzo iphethwe ngabantwana base Mqanduli Archdeaconry. Emveni koko zagaleleka iindwendwe zase Mbhashe ne Natal lwaqala ukhuphiswano lomculo.



Ikwayara zabadala nabancinane abanye becula bebathandathu (sextet) abanye besibhozo (M.D.Q.) zikhuphisana ngamaculo ase-tshetshi. Babekhona abafana ababini abangangompondo zihlanjiwec kwezomculo, babanika amanqaku (adjudicators). Baziphalaza iziphumo kwangeloxesha, hayi uvuyo olwalulapho kwabaphumeleleyo, singabalula, Zimbane kwabadala nakwabancinane, Tsolo kwabadala nakwabancinane, Xhokonxa kwezi fumene amanqaku aphezulu.

NgoMgqibelo yabangamayeyeye kwakusasa abantwana babephethe ibanners ze-Pparishes zabo behlangabeza uSombawo (the Rt Revd Dr S.T. Mzamane) ethe chu ngeqegu lakhe umfo etsho ngoloncumo lwakhe, ehamba no Mama, Makhulu, uKhokho wabantwana uJwara. Hayi ukufanelana kwabantu abathanda iNkosi uYesu. Akubanga kudala lwatsho udlwabevu lwengoma ententeni apho kuzakungenela khona inkonzo, ikwayari ibhexeshwa ngumfo ka Duma uSiya. Bangena onyawontle abefundisi bekhokelwe ngabantwana besibingelelo (Servers), bona bekhokele uSombawo. Bechula ukunyathela, bule bekati izingela iimpuku. Waqala umfo wakwaThixo ukuvula inkonzo wazibeka zaqaqamba izinto ezinobuzaza empilweni yomntu omtsha.



Esithi konke mabakunikele kuYesu Kristu yena oyakubanceda abagcine bekhuselekile lonke ixesha. Wababulele wadomboza abaququzeleli bombutho, amalundu esigqeba(executive) kuChaplain, koonyawontle abafundisi ingakumbi utata Revd Kuse ovule amasango ase St Matthews, kunye nabazali baseMqanduli. Waba nemiyalezo ayiyaleza abantwana bakhe. Akugqibq ukwenza isidlo senkosi wavulele ikhorasielithi"wanyonyoba uNikhodima" becula bevuya, wena wakha wabona uYesu engena ekjhwele iesile eJerusalem, kuluvuyo lodwa. Emveni koko lwaphakama ufafa olude, umfo ka Maketha umfundisi, echwayitile kaloku wayekhatshwe yingqungqumbana yakhe unkosikazi wakhe wenza amazwi ombulelo kuSombawo nakubo bonke abantu ababenze kwakuhle kwanjeya, encoma nokubambisana besisifundisi, ebulela namakhosikazi abefundisi asoloko ekhona ebantwaneni ezokunika inkxaso. Waqalisa uSombawo ukumilisela isigqeba seG.B.F.S. (Diocesan executive).



Emveni kwesidlo sasemini saqalisa isithethi sosuku umfo kaMgilana we Diocese of Mzimvubu, becebisa ukba bakhethe ubomi abububo, impilo yabo bayinikele eNkosini uYesu Krestu. Emva kopko sangena esinye isithethi sesibini uRevd Matomane weDiocese of Mzimvubu. Watsho kwavokotheka esabonisa ububi nobuhle bezinto ezisehlabathini kodwa esithi khetha okuhle kokubi wamkele iNkosi uYesu. Ngokuhlwa yaqala imvuselelo iphethwe ngumfo ka Mpongo Mthunzi. Babegilana ukuya eQongeni abantwana besithi besithi"hlala nam nam ndihlale kuwe" belicacisa ilizwi besabelana ngalo.



Bayakulala kungekho sikrokro abantwana ngeCawa kwakusasa yaququnjelwa inkomfa ngenkonzo ye Eucharist nguRevd Puza uChaplain wombutho wenza ongazenzisiyo umbulelo echulumancile kubo bonke abantu abenze umsebenzi kaThixo uhambe kakuhle, ingakumbi amagosa aseMqanduli, ngokuncama konke ahlale de iphele inkomfa esebenza ngokuzinikela. uPresident wombutho uMama uNtenetyana wenza umbulelo neye ephosa amazwi enkuthazo kubo bonke abantu , encoma impathiswano entle yesigqeba sakhe. Mayiphele intetho ethi "banjalo bonke" utsho umfo kaMakhetha. Wayiuvala inkomfa ka 2013 ngokwesiko lwenkonzo zenjenjeya izithuthi ukugodusa abantwana nabazali babo.

Siyabulela eMqanduli

Phambili !! G.B.F.S. Phambili!!

Ibhalwe ngu Mazulu (umququzeleli wombutho)

     Home      About us          Lay Staff     Diocesan Directory      Diocesan Choir     Calendar       News        Publications       Links           Contact us