Back

      Ikhonco                                                                          October 2013
Next
HIV/AIDS WORKSHOP/TRAINING FOR PEER EDUCATORS HELD IN ST BARNABAS NTLAZA on 25.09.2013
Kuvulwe ngomthandazo nguMfundisi nangeculo. uMama uNomqulu uye wamkela zonke iindwendwe. Kuphakame umntwana ogama lingu N. Mbopha echaza unobangela wokuba sibe lapha. Uye wakhalazela ulutsha ukuba maluziphathe kakuhle futhi luzikhethe itshomi ezilungileyo, naseCaweni ulutsha maluyeke ukungxola.
Kuye kwabakho idrama yomntwana onetshomi efuna ukuya kufunda edolophini wabe omnye zingekho intsiba zokuya apho ngenxa yemali. Icebo lavela lo mama uye wabiza uTatomncinci wayisombulula lento wacelo uxolo lo mntwana kuMama wakhe wathi uzofunda eziBungu kufutshane.


Isithethi salomhla iye yangu Mfundisi uSihlali. Uphakamile ke uMfundisi uSihlali oye wathandwa kakhulu ngabantwana kuba kaloku niyamazi nani ukufikelela kwakhe kuba iNkosi uYesu wamnceda walingana nomntu wonke.
Uye wenza uMzekelo kuqala ngoDavide owayeligorha abhayibhileni owaye ejongene nemfazo. Ucacise gabalala ukuba umsebenzi wePeer Educators funeka abe non-judgemental, referer, councelling, confidential. Ubacacisele kakuhle ukuba xa uyi Peer Educator funeka uziqhelanise nebhayibhile ukuze xa umntu esiza nengxaki ekhala ukwazi ukumnceda ucaphule ebhayibhileni.
Peer Educators have leadership. Yonke lonto ikukhokelela enkonzweni spiritual and emotional. Ugxininise kakhulu ezitshomini ukuba ulutsha malukhethe itshomi ezilungileyo ezimoyikayo uThixo. Ucacise ukuba makazixelele ngobomi bakhe ukuba akazi kubalelwa kwizinto ezimbi.


Emva kwezo ziyalo zakhe zicwengileyo siye sanikezela nge T-shirts eziyi 20 zePeer Educators. Bekugcwele kakhulu baye abafumana bonke kodwa sabathembisa ngokuphinda sibanike kwixesha elizayo. Njengoko iCawe yase St Barnabas ibime ngembambo kuye konyulwa kwiParishes eziphantsi kwe-Archdeaconry Nyandeni. 
1.              Ruze: Mtotoyi Asive (071 9066 040)
2.        Moyeni: Baliwe Makolwa (078 020 6963)
3.        Ntlaza: Sinelizwi Bhobho (060 335 0636)
4.        Mfabane: Sipho Khohliso (071 0195 190)
5.        Libode: Makalipha Asiphe (076 816 1803)
Umbuzo uye wavela ukuba Peer Uducators iqala kwiminyaka imingaphi iphele phi? Impendulo iye yafumaneka yokokuba baya groupishana bona bodwa xa bedibene omdala kulo group afundise abanye.
Emva koko uMama upresiding uye wathatha inxaxheba yokubulela uMfundisi uSihlali ngemfundiso yakhe ebantwaneni enethemba lokokuba utshintsho kwindawo yeseNtlaza ngendlela yokuziphatha. Akwaba niyakukhula nimazi uHayi no Ewe. Sinethemba lokuba sizakutshatisa kuleNtlaza ngenxa yezimfundiso zika Mfundisi uSihlali. Ubulele kakhulu wabongoza oMama ebebephumile bancama ingxaki zabo beyomela iParishes zabo.
Ivalwe ngomthandazo nguMfundisi uSihlali.

     Home      About us          Lay Staff     Diocesan Directory      Diocesan Choir     Calendar       News        Publications       Links           Contact us