Bantu bakaThixo abathandekayo
IMBALELA
Ngamana iNkosi eyathi enkangala elizeni yadala lonke elimiweyo yaze yasiyaleza ukuba siwuhoye umhlaba singawudlakazi, yasisikelela egameni likaYesu Krestu uMsindisi wethu.
Abantu abajongene nokudaliweyo bayasiluleka ukuba siyihlonele siyihloniphe indalo. Sikhunjuzwa mihla le ukuba asinayo enye indawo yokuphilela ngaphandle kwalo mhlaba usizeleyo. Siyalulekwa ukuba singafane silahle iizinto naphina, sitshise ingca, amahlathi neemithi yexabiso.
Ukudavuza oko kuluvuyo lwamehlo ethu nokuphelelwa lixabiso lokubuka iizinto ezintle kunegalelo kolu tshintsho lwemo yezulu. Imbalela egqubayo khonanje yenye yemizekelo ekhoyo phakathi kwemininzi.
Isicelo sam ngale nyanga yeNtwasahlobo kukuba masixabise isipho sendalo. Masiluhlonele uluntu nendalo ngokupheleleyo. Ndiyacela kuthi sonke masithandazele imvula. Kuninzi okungekuhlanga ngenxa yembalela ekhoyo. Obekukade kuluhlaza kutshile kwabhanga; okuxhomekeke kuhlaza kufa liphango.
Amabhali elucern enyukile kanti ke zonke ezifuyiweyo zidla ezandleni. Abahlala ezidolophini batyatyulwa ngamanzi okunkcenkceshela phofu loo manzi engakulungelanga ukuvelisa ubuhle beentyantyambo nengca etyalwayo ngenxa yobutyuwa bawo. UMasipala yena ubiza into angayaziyo ngamanzi amaninzi asetyenziselwa ukunkcenkceshela.
Masibe nebuyambo ngokuba sithi siwuhlonela njalo umhlaba oyindalo yethu nathi ngokunjalo silihlonele ixabiso lomntu. Mmakungabikho bantu bazizigculelo nabaxhatshazwayo.
Singatshintsha nemisebenzi yethu siyibone ngenye indlela, ndawonye namaziko esinqulela kuwo. Abazali bangakhe bazibhence bazibone ngeliso langaphakathi ukuba kakade babakhulisa njani abantwana babo; nabo abantu abatsha kuyimfuneko ukuba bajongisise ukuba iizihlobo ezi zabo azinafuthe libi na ekukhuleni nasekuphuhliseni iizakhono zabo na.
Kukho umkhuba wokunganeliseki nowamabhongo. Singaba ngabemi beli lizwe abangcono nabelizwe elizayo xa sinokuthi sizijongisise ukuba sithanani naye noThixo onguMdali noMhlawuleli wethu eyintoni na phofu ebomini bethu.
Masingakhalalani sidinwe nakukuthandazela iziqu zethu noko uThixo akudalela thina nempilo yethu.
Ngamana uThixo wanisikelela.
+ Sitembele