Home      About us          Lay Staff     Diocesan Directory      Diocesan Choir     Calendar       News        Publications       Links           Contact us
Ikhonco                                                   December 2014
Back

Next
BEKUSINDWE NGOBETHOLE ELUNYAWENI

Umhla weshumi kwinyanga yeThupha kulo umiyo unyaka, ngumhla ongasoze ulibaleke ebantwini bommandla wase Lunyaweni, phantsi kwesandla sika Dlamini uRev K. Ludziya. Kulengingqi uPriste wase Winterburg ekhokhelwe ngu Ven A. V. Mdzanga bekusikelelwa indlu yecawa yiBishop yeDayosisi uDr S. T. Mzamane encoma abantu bale Parish ngokwenza elihle kanje lamalinge likwekha isakhiwo sendlu esime phezu kwe foundation yamatye esithi mabazimisele bakhule babaleke phambili.
UBishop uyibulele iDiocesan Choir ebonakalise ubuzali kubomi bobupriste buka Priste buka Rev Ludziya nokuseleko bemxhasa kuyo yonke into ayenzayo watsho esithi ungalahli imbo yakho ngophoyiyana. Emva kolongcwaliso lwendlu uBishop ephethe amanzi, U-Archdeacon wengingqi yase Winterburg igcedevu lwesiqhumiso, ziye zagqukruleka intliziyo zamanina aleParish yasika inimba, abakwazi ukuzibamba beyiyizela abantu yimincilixa iBishop ibetha ucango kathathu ngodondolo "isithi phakamisani intloko zenu masango angene ukumkani wozuko."
Emva koko uye walab ilizwi ubishop weDayosisi etyila ubuhle bukaThixok kubomi esibuphilayo ebancoma ngomsebenzi abawenzileyo abantu baseLunyaweni esithi amehlo wabo mabawathi Ntsho kwiMbangi noMgqibelelisi wokholo lwabo. Emva koko uSambawo ubeke izandla abantwana abayi 20 ekhuthaza ukuba bangayeli ukuhamba inkonzo bafumane ubabalo luka Thixo bangakuhilizeli ukhlangana. Uthe uSombawo wakuqhekeza isonka ndakhumbula uBishop Cyprian wase Carthage xa esithi "Receive the Medicine of Immortality, Thathani nail iyeza lokomelela."
Inkonzo iphele ngokuthi kutyhilwe iPlaque esisikhumbuzo salemini nethe yafundwa nguMbingeleli waseNcembu uRev Madiba. Kohlukwana ngoxolo.

Ibhalwe ngu Rev K. Ludziya

Walk for Peace

On the morning of Saturday 22nd November Bishop Sitembele was joined by Dean Kuse, Bishop Andile Mbethe of the Methodist Church, and the leaders of IPYG, as well as a crowd of cathedral congregants and members of IPYG, on a Walk for Peace from the cathedral to the Mthatha High School Sports Grounds. Once at the grounds a programme of speeches and presentations was delivered by a range of speakers on themes relating to youth and peace.